Ingqiqo-nzulu ngobulungisa nomthetho kwi Tyala Lamawele kwimo yentlekele nenguqu eMzantsi Afrika
South African Journal on Human Rights · 02.10.2025 · 41 (3-4) · 238-259
DOI: 10.1080/02587203.2026.2634915 ↗Kurz gefasst
Fachartikel in der Zeitschrift South African Journal on Human Rights, online erschienen am 12.04.2026. Verfasst von Sanele kaNtshingana. Der Volltext ist frei zugänglich (Open Access, CC BY-NC-ND 4.0).
Abstract (Originalsprache)
Isishwankathelo Ulawulo lwentando yesininzi eMzantsi Afrika lujamelene nemingeni eliqela equka ukurhuqa inqwina yeentshekela zexesha localu-calulo nobukoloniyali kwingqiqo ngesizwe, umbuso, namalungelo. Le mingeni kwingqiqo ibonakala kakhulu kwiziseko zoburhulumente eziquka iintsika ezifana nobunkokheli bomthonyama, nokugunyazisa oko ngemithetho eliqela emva kuka-1994. Iinkcubabuchopho nababhali abayixhokonxayo le ngqiqo esisiseko solawulo lwesi sizwe sitsha zithi ziliqela iingxaki kule ngqiqo ukuquka ukucinga ngomthetho njengento engatshintshiyo, ehleli ifana ngalo lonke ixesha. Eli nqakulibonisa ukuba le ngxubaxaka ijamele iingcingane yolawulo nomthetho ayinto intsha kweli laseMzantsi Afrika. Iinkcuba-buchopho neengqondi eziphum’izandla kwixesha lengxwabangxaba notshintso eMzantsi Afrika zazibhica, zicubungula, zigqogqa ngosiba iimeko zokuphila, amalungelo nolawulo, zikwakhokhelisa iindlela ezintsha zokucinga.ngolawulo. Eli nqaku ngoko ke, lipicotha ibali elibhalwe ngenye yezincuba buchopho, uSamuel Edward Krune Mqhayi ngo-1914, Ityala Lamawele. Eli bali libhalwe emveni kwesithonga sokusekwa umanyano lo Mzantsi Afrika (Union of South Africa). Lijonga ngokutsolo ingqiqo nobuncwane ububhalwe nguMqhayi ngomthetho, nobulungisa ngokupicotha la magama, inkundla, umthetho nobulungisa, nzulu. Eli nqaku lugqala iimfundiso zeli bali ekucingeni ngeziseko zobulungisa zorhulumente wentando yesininzi namhlanje kwakutsha. ABSTRACT The profound challenges of South Africa’s colonial and apartheid past – particularly the failure to reimagine political thought beyond inherited frameworks – continue to confront its post-apartheid democracy. This has played out in the political theatre through the democratic government’s incorporation of traditional leadership into its governance structure, a decision enacted through various legislations since 1994. Critics argue that the political philosophy underpinning these systems often perpetuates archaic, patriarchal, and inert legal conceptions from the very past the new nation sought to overcome. This article will clarify that grappling with new legal and political realities is not a new phenomenon for African intellectuals. During periods of profound crisis and change, they have engaged discursively to make sense of their current situation by drawing on wells of inherited knowledge and imagination. The article focuses on Samuel Edward Krune Mqhayi’s seminal 1914 Xhosa text Ityala Lamawele (The Lawsuit of the Twins), written in the aftermath of the Union of South Africa. It offers a comprehensive understanding of how Mqhayi theorises rights, law, and justice by mobilising vernacular concepts such as inkundla, umthetho and ubulungisa. The analysis explores the text’s implications for reimagining the foundations of justice and participatory democracy in a contemporary context.
Zitieren
APA
kaNtshingana, S. (2025). Ingqiqo-nzulu ngobulungisa nomthetho kwi Tyala Lamawele kwimo yentlekele nenguqu eMzantsi Afrika. South African Journal on Human Rights, 41(3-4), 238-259. https://doi.org/10.1080/02587203.2026.2634915
Vancouver
kaNtshingana S. Ingqiqo-nzulu ngobulungisa nomthetho kwi Tyala Lamawele kwimo yentlekele nenguqu eMzantsi Afrika. South African Journal on Human Rights. 2025;41(3-4):238-259. doi:10.1080/02587203.2026.2634915
BibTeX
@article{kaNtshingana2025,
author = {kaNtshingana, Sanele},
title = {Ingqiqo-nzulu ngobulungisa nomthetho kwi Tyala Lamawele kwimo yentlekele nenguqu eMzantsi Afrika},
journal = {South African Journal on Human Rights},
year = {2025},
volume = {41},
number = {3-4},
pages = {238--259},
doi = {10.1080/02587203.2026.2634915}
}
EUVIMED